Uzakariya 8:19-23 Ibhayibhile (XHO96)

19. “Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: Inzila yokudla yenyanga yesine, eyesihlanu, eyesixhenxe, neyeshumi, ziya kuba ngamatheko ovuyo nemincili kwaJuda. Ngoko ke yithandeni inyaniso noxolo.”

20. UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Kuya kuza izizwe nabemi bezixeko ezininzi,

21. bathi abemi besinye isixeko baye kwesinye besithi: ‘Masihambe kwangoku siye kumbongoza uNdikhoyo, simnqule uNdikhoyo onamandla onke; nam ngokwam ndiya kuhamba.’

22. Izizwe ezininzi neentlanga ezinamandla ziya kuza eJerusalem, khon' ukuze zimnqule zimbongoze uNdikhoyo onamandla onke.”

23. Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Ngaloo mihla ke ishumi lamadoda kwiilwimi zonke zeentlanga zoqokelelana kumJuda omnye, zibambelele esondweni lengubo yakhe, zithi: ‘Sifuna ukuhamba nani, kuba sivile ukuba uThixo unani.’ ”

Uzakariya 8