9. Uyabona ke ndibeke ilitye phambi koYoshuwa, litye elo elinamehlo asixhenxe kulo. Kulo ke ndiya kukrola umbhalo, isono seli lizwe ndisisuse ngamini-nye,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.”
10. “UNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Ngaloo mini nonke ngabanye elowo uya kumema ummelwane wakhe, ahlale naye phantsi komdiliya noba ngumkhiwane.’ ”