Uzakariya 3:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku wandibonisa umbingeleli omkhulu uYoshuwa emi phambi kwesithunywa *sikaNdikhoyo; yena uSathana emi ngasekunene kwakhe eza kummangalela.

2. UNdikhoyo ke uthe kuSathana: “NdinguNdikhoyo nje ndiyakukhalimela, Sathana! Ewe, ndinguNdikhoyo onyule iJerusalem nje ndiyakukhalimela! Kaloku lo mfo ufana nesikhuni esixhwilwe emlilweni.”

3. Ngoko ami phambi kwesithunywa uYoshuwa wayenxibe iimpahla ezingcolileyo.

4. Isithunywa ke sathetha nâbo babemi phambi kwaso sathi: “Mkhululeni ezo mphala zingcolileyo.”Sabhekisa kuYoshuwa ke sathi: “Uyabona ke, ndibususile ubugwenxa bakho; ndaye ke ndiza kukunxiba iimpahla zexabiso.”

5. Mna ke ndathi: “Mabamthwalise entloko iqhiya ecocekileyo.” Baza ke bamthwalisa iqhiya ecocekileyo, baza bamnxibisa iimpahla, isithunywa sikaNdikhoyo sisemi njalo.

6. Ke kaloku isithunywa sikaNdikhoyo samthembisa sathi:

Uzakariya 3