Uzakariya 14:21 Ibhayibhile (XHO96)

Yonke into eyimbiza eJerusalem nakwaJuda iya kuba ngcwele, isetyenziswe xa kunqulwa uNdikhoyo onamandla onke. Abantu abenza amadini baya kusebenzisa zona xa bepheka inyama yamadini. Ngaloo mini ke akusayi kubakho bantu bashishinayo kwindlu kaNdikhoyo onamandla onke.

Uzakariya 14

Uzakariya 14:12-21