Uzakariya 13:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Ngaloo mini indlu kaDavide nabemi baseJerusalem bovulelwa umthombo wokuhlambulula isono nokungcola.

2. “Ngaloo mini ndowasusa amagama ezithixo elizweni, angabi sakhunjulwa mpela,” utsho *uNdikhoyo onamandla onke. “Ndiya kubasusa elizweni abashumayeli ndawonye nomoya ongcolileyo.

3. Kothi ke, xa kukho nabani na osashumayelayo, uyise nonina abo bamzeleyo bothi kuye: ‘Ufanelwe kukufa, kuba uthetha ubuxoki egameni likaNdikhoyo.’ Ukuba ùthe washumayela ke wogwazwa ngunina noyise abamzeleyo.

4. “Ngaloo mini *umshumayeli ngamnye woba neentloni ngombono wakhe xa ashumayelayo, angabi sayambatha ingubo yoboya ekhohlisa abantu.

5. Ndaweni yaloo nto uya kusuka athi: ‘Andinguye umshumayeli; mna ndingumlimi. Lowo yaba ngumsebenzi wam oko ndabakho.’

6. Xa omnye embuza esithi: ‘Ngawani loo manxeba asemzimbeni?’ Wophendula athi: ‘Ngamanxeba endiwafumene endlwini yabahlobo bam.’ ”

7. *UNdikhoyo onamandla onke uthi:“Vuka, krelendini!Vukelana nomalusi wam,nditsho lo mfo usondeleyo kum.Ewe, bulala umalusi;iigusha ziya kuchithakala.Ke mna ndosisa isandla sam ngaphezu kwezincinane.”

Uzakariya 13