Ukumkani waseAyi yena waxhonywa emthini, wayekwa apho kwada kwarhatyela. Kwathi ngorhatya wathi uYoshuwa isidumbu sikakumkani masithulwe siye kulahlwa emasangweni esixeko. Kwafunjwa phezu kwaso ingqumba yamatye asekho apho unanamhla.