Uyoshuwa 6:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Amasango eJeriko ayevalwe mba ukuze amaSirayeli angabi nako ukungena. Kwakungekho mntu uphumayo nongenayo kweso sixeko.

2. *UNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “IJeriko ndiyinikela kuwe, kunye nokumkani wayo, kwakunye namagorha ayo.

3. Wena ke kunye nomkhosi wakho kufuneka niyijikeleze kanye ngemini iintsuku zibe ntandathu.

4. Kufuneka ababingeleli babe sixhenxe, elowo ephethe isigodlo, bahambe ngaphambi kwetyesi yomnqophiso. Ngosuku lwesixhenxe kufuneka wena nomkhosi wakho nisijikeleze kasixhenxe isixeko, ababingeleli bona bavuthele izigodlo.

5. Kuya kuthi ke xa bevuthela isandi eside ababingeleli, nihlabe umkhosi, nimemeze, zidilike iindonga zeJeriko. Wandule ke ukungena macal' onke ngaphakathi kwesixeko wonke umkhosi.”

6. UYoshuwa wababiza ababingeleli, wathi kubo: “Thathani ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, baze abasixhenxe kuni bahambe ngaphambi kwayo, bephethe izigodlo.”

7. Waza ke wayalela umkhosi wakhe ukuba ujikeleze isixeko, amanye amadoda axhobileyo ahambe ngaphambi kwetyesi yomnqophiso kaNdikhoyo.

8. Kwathi uYoshuwa esathetha njalo beza phambili abo babingeleli basixhenxe bephethe izigodlo ezisixhenxe, bazivuthela, baza balandelwa yityesi yomnqophiso kaNdikhoyo.

9. Ibutho lamadoda axhobileyo lahamba phambi kwabababingeleli ababevuthela izigodlo, elinye ibutho lalandela ityesi yomnqophiso. Wonke loo gama izigodlo bezihlokoma.

10. UYoshuwa wawayalela amadoda akhe wathi: “Ze ningahlabi mkhosi, ningakhwazi. Ewe, ze ningakhe nilinge niyivule imilomo yenu, ide ibe lolo suku niya kuyalelwa ndim.”

11. Loo madoda ke ajikeleza isixeko kwakanye, ehamba netyesi yomnqophiso kaNdikhoyo, aza abuyela esikhululweni, alala.

12. Ngengomso uYoshuwa wavuka kwangentseni, nababingeleli baphinda bayithwala ityesi yomnqophiso njengezolo.

Uyoshuwa 6