Uyoshuwa 24:12-16 Ibhayibhile (XHO96)

12. Ndabathumela ngoonomeva abo balwa nani. Yiyo loo nto eyachitha iikumkani zama-Amori zombini – asilokrele nalutolo lwenu.

13. Ndaninika umhlaba eningazanga nawusebenza nezixeko eningazanga nazakha. Ngoku nihlala apho nitye isivuno semidiliya eningayilimanga, neminquma eningazanga nabulaleka yiyo.’

14. “UNdikhoyo mhloneleni, nimnqule ngentembeko ninyanisekile. Yahlukanani *nezithixo zookhokho benu ngexesha bengaphesheya kwe-Efrati naseJiputa, nikhonze uNdikhoyo yedwa.

15. Ke ukuba kubi emehlweni enu ukumkhonza uNdikhoyo, khethani ngoku, ukuba nokhonza bani na nina, phakathi koothixo baseMesopotami booyihlo noothixo bama-Amori enimi kumhlaba wawo. Kodwa mna kunye nomzi wam, siya kukhonza uNdikhoyo.”

16. Aphendula amaSirayeli athi: “Thina asisoze sahlukane noNdikhoyo sikhonze thixo bambi.

Uyoshuwa 24