Uyoshuwa 21:8-25 Ibhayibhile (XHO96)

8. Njengoko uNdikhoyo wayetshilo kuMosis amaSirayeli ababela abaLevi ezi zixeko namadlelo ngokwenza amaqashiso.

11. babelwa isixeko sika-Arbha (uArbha wayenguyise ka-Anaki) le kuthiwa yiHebron ngoku. Nantso kweleentaba kwaJuda. Bayinikwa kunye namadlelo ayo,

12. kambe zona iilali eziyingqongileyo kunye namasimi zazisezabelwe uKalebhi unyana kaJefune, zaza zaba zezakhe.

13. Ukongezelela kwiHebron (eyayisesinye sezixeko zokuphephela) kwahlonyelwa nezi zixeko kubazukulwana bombingeleli uAron: iLibhena,

14. iYatire, iEshtemowa,

15. iHolon, iDebhiri,

16. iAyin, iJuta, kunye neBhete-shemeshe, kwanamadlelo azo. Yayilithoba lezixeko kummandla wakwaJuda nakwaSimon.

17. Kummandla wakwaBhenjamin babelwa zazine izixeko: iGibheyon, iGebha,

18. iAnatoti, kunye neAlmon, kwanamadlelo azo.

19. Zaba lishumi linantathu izixeko ezabelwa ababingeleli abazukulwana baka-Aron, kunye namadlelo azo.

20. Eminye imizi yabaLevi endlu yakwaKohati yabelwa izixeko kummandla kaEfrayim.

21. Banikwa izixeko ezine: iShekem namadlelo ayo kweleentaba lakwaEfrayim (yenye yezixeko zokuphephela nayo), iGezere,

22. iKibhezayim, kunye neBhete-horon, kunye namadlelo azo.

23. Kummandla wakwaDan abelwe izixeko ezine: iElteke, iGibheton,

24. iAyalon, kunye neGati-rimon, namadlelo azo.

25. Kummandla wesiqingatha sikaManase esingasentshonalanga abelwa izixeko ezibini: iTanaki, neGati-rimon, kunye namadlelo azo.

Uyoshuwa 21