7. Indlu yakwaMerari ngokwemizi yayo yabelwa ishumi elinambini lezixeko kummandla wakwaRubhen nakwaGadi nakwaZebhulon.
8. Njengoko uNdikhoyo wayetshilo kuMosis amaSirayeli ababela abaLevi ezi zixeko namadlelo ngokwenza amaqashiso.
11. babelwa isixeko sika-Arbha (uArbha wayenguyise ka-Anaki) le kuthiwa yiHebron ngoku. Nantso kweleentaba kwaJuda. Bayinikwa kunye namadlelo ayo,
12. kambe zona iilali eziyingqongileyo kunye namasimi zazisezabelwe uKalebhi unyana kaJefune, zaza zaba zezakhe.
13. Ukongezelela kwiHebron (eyayisesinye sezixeko zokuphephela) kwahlonyelwa nezi zixeko kubazukulwana bombingeleli uAron: iLibhena,
14. iYatire, iEshtemowa,
15. iHolon, iDebhiri,
16. iAyin, iJuta, kunye neBhete-shemeshe, kwanamadlelo azo. Yayilithoba lezixeko kummandla wakwaJuda nakwaSimon.
17. Kummandla wakwaBhenjamin babelwa zazine izixeko: iGibheyon, iGebha,
18. iAnatoti, kunye neAlmon, kwanamadlelo azo.