4. *Iqashiso lokuqala laphumela imizi yendlu yabaLevi bakwaKohati, babelwa izixeko ezilishumi linantathu, ezazikummandla wakwaJuda, nowakwaSimon, kunye nowakwaBhenjamin.
5. Inxalenye yemizi kaKohati yabelwa ishumi lezixeko ezazikwaEfrayim, kwaDan, nakwisiqingatha sasentshonalanga sakwaManase.
6. Indlu yakwaGershon yabelwa ishumi elinantathu lezixeko kummandla wakwaIsakare, nakwa-Ashere, kwaNafetali, nakwisiqingatha sakwaManase esiseBhashan.
7. Indlu yakwaMerari ngokwemizi yayo yabelwa ishumi elinambini lezixeko kummandla wakwaRubhen nakwaGadi nakwaZebhulon.
8. Njengoko uNdikhoyo wayetshilo kuMosis amaSirayeli ababela abaLevi ezi zixeko namadlelo ngokwenza amaqashiso.
11. babelwa isixeko sika-Arbha (uArbha wayenguyise ka-Anaki) le kuthiwa yiHebron ngoku. Nantso kweleentaba kwaJuda. Bayinikwa kunye namadlelo ayo,