Uyoshuwa 21:11-20 Ibhayibhile (XHO96)

11. babelwa isixeko sika-Arbha (uArbha wayenguyise ka-Anaki) le kuthiwa yiHebron ngoku. Nantso kweleentaba kwaJuda. Bayinikwa kunye namadlelo ayo,

12. kambe zona iilali eziyingqongileyo kunye namasimi zazisezabelwe uKalebhi unyana kaJefune, zaza zaba zezakhe.

13. Ukongezelela kwiHebron (eyayisesinye sezixeko zokuphephela) kwahlonyelwa nezi zixeko kubazukulwana bombingeleli uAron: iLibhena,

14. iYatire, iEshtemowa,

15. iHolon, iDebhiri,

16. iAyin, iJuta, kunye neBhete-shemeshe, kwanamadlelo azo. Yayilithoba lezixeko kummandla wakwaJuda nakwaSimon.

17. Kummandla wakwaBhenjamin babelwa zazine izixeko: iGibheyon, iGebha,

18. iAnatoti, kunye neAlmon, kwanamadlelo azo.

19. Zaba lishumi linantathu izixeko ezabelwa ababingeleli abazukulwana baka-Aron, kunye namadlelo azo.

20. Eminye imizi yabaLevi endlu yakwaKohati yabelwa izixeko kummandla kaEfrayim.

Uyoshuwa 21