Uyoshuwa 21:1-2 Ibhayibhile (XHO96)

1. Iintloko zezindlu zakwaLevi zaya kumbingeleli uElazare noYoshuwa unyana kaNune, bekunye neentloko zezindlu zakwaSirayeli.

2. Zaya kubo eShilo kwelamaKanana, zafika zathi: “*UNdikhoyo wayethe kuMosis thina masinikwe izixeko kunye namadlelo azo.”

Uyoshuwa 21