Uyoshuwa 2:14-24 Ibhayibhile (XHO96)

14. Athi loo madoda: “Ubomi bethu sibuthenga ngobenu. Ukuba wena akuyithethanga mntwini le nto sihambele yona apha kweli lizwe, siyathembisa ukuba sonenzela inceba xa uNdikhoyo esinikezela lo mhlaba.”

15. Indlu kaRahabhi yayiseludongeni olubiyele idolophu. Wawakhupha ngefestile ke loo madoda, ehla ngentambo.

16. Wathi: “Ze niye kuzimela ezintabeni, ningabonwa ngamadoda athunywe ngukumkani. Ze nihlale apho iintsuku ezintathu, de loo madoda abuye, nandule ke nina ukugoduka.”

17. Zathi iintlola kuRahabhi: “Asiyi kuba natyala lokungasigcini isifungo osifungise sona ukuba akukwenzanga oku:

18. xa singena kweli lizwe kufuneka ubophelele lo msonto ubomvu kule festile usikhuphe ngayo. Kufuneka uze noyihlo nonyoko nabantakwenu, nabo bonke abantu bakowenu, ubahlanganisele endlwini yakho.

19. Ukuba ngaba kubekho mntu uphumela ngaphandle kule ndlu, aze abulawe, lityala lakhe. Kanti ke xa kwenzakaliswe umntu esendlwini yakho, ityala loba lelethu.

20. Ukuba uyixelele nabani na into esizele yona, thina asiyi kuba natyala ngokungasigcini esi sifungo.”

21. Wavuma uRahabhi, wawandulula. Akuba ehambile, wabophelela loo msonto ubomvu efestileni.

22. Ezo ntlola zabaleka, zaya kuzimela ezintabeni, zahlala apho iintsuku ezintathu. Amadoda ayethunywe ngukumkani azikhangela kulo lonke ngasendleleni engazifumani, ada ancama abuyela eJeriko.

23. Zehla ke entabeni iintlola, zawuwela umlambo, zabuyela kuYoshuwa, zamxelela konke okwehlayo kuhambo lwazo,

24. zathi: “Inene, uNdikhoyo elaa lizwe lonke ulinikezela kuthi, yaye abantu balapho bonke baphelelwe ngamandla ngenxa yokoyika.”

Uyoshuwa 2