1. Emva koko ke uYoshuwa into kaNune wathumela ngasekhusini iintlola zambini zisuka apho babekhulule khona eShitim, wathi: “Hambani niye kuhlola ilizwe laseKanana, ngokukodwa idolophu iJeriko.” Esukile ke loo madoda aya kungena kumzi wehenyukazi uRahabhi.
2. Ukumkani waseJeriko waxelelwa kwathiwa: “Kukho amaSirayeli afikileyo ngobu busuku, eze kuhlola eli lizwe.”
3. Ukumkani wathumela izigidimi kuRahabhi esithi: “Wakhuphe loo madoda asendlwini yakho, kuba aze kuhlola ilizwe lonke.”
7. Ahamba ke loo madoda ngendlela eya kumazibuko eJordan, esukela iintlola ezo. Avalwa kwangoko amasango.
8. Ngaphambi kokuba zilale ezo ntlola, uRahabhi waya kuzo phezu kwendlu,
9. wafika wathi: “Ndiyazi ukuba *uNdikhoyo ulinike nina eli lizwe. Bonke abemi beli lizwe bayankwantya nini; boyika ngokokude baphelelwe ngamandla.
10. Sayiva nento yokuba uNdikhoyo walomisa uLwandle oluBomvu ukuba niwele ukunduluka kwenu eJiputa. Saziva neendaba zokubatshabalalisa tu kwenu ooSihon no-Ogi iikumkani zama-Amori ezazimi kwelaa cala lingasempumalanga yeJordan.
11. Soyika kakhulu ukuvakala kwezo ndaba, sonke apha satsho saphelelwa ngamandla. UNdikhoyo uThixo wenu nguye olawula emazulwini nalapha emhlabeni.
12. Ngoku ke khanifunge ngegama lakhe ukuba nobenzela inceba abantu basekhaya njengoko nam ndinenzele inceba, nindinike nomqondiso oqinisekileyo.