11. Kwaqala kwaphuma iqashiso lommandla wezindlu zesizwe sakwaBhenjamin. Umhlaba wabo wawumi phakathi kwesizwe sakwaJuda nesakwaJosefu.
12. Ngasentla umda wabo wawuqala eJordan, unyuke loo mathambeka angasentla kweJeriko, wenjenjeya ukusinga ngasentshona, utyhutyha eleentaba, uye kuma ngentlango iBhete-aven.
13. Wawunyuka ithambeka kwicala elingasezantsi eLuzi (yiBhetele ke leyo) uhle ubheke eAtaroti-adare entabeni engezantsi kweBhete-horon emzantsi.
14. Lo mda wawujika ujonge emazantsi usuka kwicala elingasentshonalanga yeleentaba, wenjenjeya ukusinga eKiriyati-bhali (iKiriyati-yarim) yesizwe sakwaJuda. Ngumda wangasentshona lo.
15. Umda wangasezantsi wawuqala ngasemaphethelweni eKiriyati-yarim ngasentshona, ubheke kumthombo waseNefetowa,