Uyoshuwa 15:19-42-44 Ibhayibhile (XHO96)

19. Wathi ukuphendula uAkesa: “Ndicela intsikelelo. Kaloku umhlaba ondinike wona ukwindawo ebharhileyo. Nceda undinike imithombo.” UKalebhi ke wamnika imithombo angasentla nengasezantsi.

20. Lo ngumhlaba owabelwe izindlu zesizwe sakwaJuda, waba lilifa lazo:

21. Izixeko zabo ezazisemazantsi, ezo zazikufuphi nomda wase-Edom, yayizezi: iKabhezeli, iEdere, iYagure,

22. iKina, iDimona, iAdada,

23. iKedeshe, iHazore, i-Itenana,

24. iZifi, iTelem, iBheyaloti,

25. iHazore-hadata, iKeriyoti-hezeron (okanye iHazore),

26. iAmam, iShema, iMolada,

27. iHazare-gada, iHeshmon, iBhete-pelete,

28. iHazare-shuwali, iBheshebha, iBhiziyotiya,

29. iBhala, i-Iyim, iEzem,

30. iEltoladi, iKezili, iHoma,

31. iZikelage, iMademana, iSanesana,

32. iLebhawoti, iShilim, iAyin, kunye neRimon. Yaba zizixeko ezimashumi mabini anethoba zizonke, kwakunye neelali ezizingqongileyo.

33. Izixeko ezazisesihlanjeni yayizezi: iEshtawoli, iZora, iAshna,

34. iZanowa, iEn-ganim, iTapuwa, iEnam,

35. iYamuti, iAdulam, iSoko, iAzeka,

36. iSharayim, iAditayim, neGedera (okanye iGederotayim). Yaba zizixeko ezilishumi elinesine kunye neelali ezazizingqongile.

37-41. Kwakukho nezinye izixeko ezilishumi linantandathu ezazingqongwe ziilali. YayiyiZenan, iHadasha, iMigdali-gadi, iDilan, iMizpa, iYoketeli, iLakishe, iBhozekati, iEglon, iKabhon, iLamam, iKitilishe, iGederoyi, iBhete-dagoni, iNama, kunye neMakeda.

42-44. Kanti ke kwakukho nezinye izixeko ezilithoba ezazingqongwe ziilali: iLibhena, iEtere, iAshan, i-Ifeta, iAshna, iNezibhi, iKeyila, iAkezibhi, kunye neMaresha.

Uyoshuwa 15