18. Bakuba betshatile wacenga uOteniyeli amvumele acele umhlaba kuyise. Wehla kwidonki awayekhwele kuyo uAkesa, waza uKalebhi wabuza wathi: “Kwenzeke ntoni?”
19. Wathi ukuphendula uAkesa: “Ndicela intsikelelo. Kaloku umhlaba ondinike wona ukwindawo ebharhileyo. Nceda undinike imithombo.” UKalebhi ke wamnika imithombo angasentla nengasezantsi.
20. Lo ngumhlaba owabelwe izindlu zesizwe sakwaJuda, waba lilifa lazo:
21. Izixeko zabo ezazisemazantsi, ezo zazikufuphi nomda wase-Edom, yayizezi: iKabhezeli, iEdere, iYagure,
22. iKina, iDimona, iAdada,
23. iKedeshe, iHazore, i-Itenana,
24. iZifi, iTelem, iBheyaloti,
25. iHazore-hadata, iKeriyoti-hezeron (okanye iHazore),
26. iAmam, iShema, iMolada,
27. iHazare-gada, iHeshmon, iBhete-pelete,
28. iHazare-shuwali, iBheshebha, iBhiziyotiya,
29. iBhala, i-Iyim, iEzem,
30. iEltoladi, iKezili, iHoma,
31. iZikelage, iMademana, iSanesana,
32. iLebhawoti, iShilim, iAyin, kunye neRimon. Yaba zizixeko ezimashumi mabini anethoba zizonke, kwakunye neelali ezizingqongileyo.
33. Izixeko ezazisesihlanjeni yayizezi: iEshtawoli, iZora, iAshna,
34. iZanowa, iEn-ganim, iTapuwa, iEnam,
35. iYamuti, iAdulam, iSoko, iAzeka,
36. iSharayim, iAditayim, neGedera (okanye iGederotayim). Yaba zizixeko ezilishumi elinesine kunye neelali ezazizingqongile.
37-41. Kwakukho nezinye izixeko ezilishumi linantandathu ezazingqongwe ziilali. YayiyiZenan, iHadasha, iMigdali-gadi, iDilan, iMizpa, iYoketeli, iLakishe, iBhozekati, iEglon, iKabhon, iLamam, iKitilishe, iGederoyi, iBhete-dagoni, iNama, kunye neMakeda.