Uyoshuwa 13:10-27 Ibhayibhile (XHO96)

2-3. Yiyo le imimandla esaseleyo:ummandla wamaFilistiya (akumkani zawo zihlala eGaza naseAshdode, eAshkelon, eGati, nase-Ekron);ummandla wamaGeshure (ekudla ngokuthiwa ngowamaKanana, usuka ngakwintlambo iShihore ngakwimida yeJiputa, kuse emantla kwimida yase-Ekron);ummandla wama-Avi;

10. Wenjenjeya ukusa kwimida yaseAmon, waquka zonke ezo zixeko zaziphantsi kwekumkani yama-Amori uSihon owayephethe eHeshbhon.

11. Lo mmandla wawuquka iGiliyadi, utyhutyhe imimandla yaseGeshure naseMahaka, uthathe yonke intaba iHermon nayo yonke iBhashan ukuya kutsho eSaleka.

12. Ukwalapho nomhlaba kaOgi owaba yikumkani yokugqibela kumaRafa, owayephethe iAshtaroti ne-Edreyi. Ezi ntlanga zonke zoyiswa nguMosis, wawuthimba umhlaba wazo.

13. Kambe ke amaSirayeli wona akazange abagxotha abantu baseGeshure naseMahaka; basahlala kunye namaSirayeli unangoku.

14. UMosis akazange ababele mhlaba abaLevi. Bona esabo isabelo, ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis, yinxaxheba bayifumana kumadini atshiswayo enzelwa uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli.

15. Nguwo lo umhlaba uMosis owawabela isizwe sakwaRubhen ngokwemizi yaso ube lilifa laso:

16. ummandla waso wawuye kuthi xhaxhe ngeArure phezu kwentili iAnoni, udibanise nesixeko esisembindini waloo ntili, kunye naloo mathafa ajikeleze iMedebha,

17. uthathe iHeshbhon kunye nezo zixeko zikuloo mathafa: iDibhon, iBhamoti-bhali, iBhete-bhali-mehon,

18. iYaza, iKedemoti, iMefati,

19. iKiriyatayim, iSibhema, kunye neZereti-shahare eyayisendulini kuloo ntili,

20. iBhete-pehore, amathambeka aloo ntaba iPisga, kunye neBhete-yeshimoti.

21. Wawucanda kwezo dolophu zikuloo mathafa, uwuthathe wonke umhlaba wekumkani yama-Amori uSihon, owayephethe eHeshbhon. UMosis wayoyisa le kumkani ndawonye nezilawuli zaseMidiyan: uEvi, uRekem, uZure, noYuri, kunye noRebha. La madoda ayezizibonda ezaziphantsi kokumkani uSihon.

22. Phakathi kwabantu ababulawa ngamaSirayeli kwafa noBhalam unyana kaBhehore owayengusiyazi.

23. Umlambo iJordan yayingumda wangasentshonalanga wesizwe sakwaRubhen. Zizo ke ezo izixeko needolophu ezabelwa imizi yesizwe sakwaRubhen zaba lilifa lazo.

24. Nguwo lo umhlaba uMosis owawabela isizwe sakwaGadi ngokwemizi yaso ube lilifa laso:

25. ummandla waso uthathela eJazere udibanise zonke izixeko zaseGiliyadi, udibanise nesiqingatha sommandla wama-Amon, kuye kuthi xhaxhe ngeArure ekhangelene neRabha.

26. Wawusuka eHeshbhon use eRamati-mizepe naseBhetonim, usuke eMahanayim use kwimida yeDebhiri.

27. Kwintili yeJordan wawuthatha iBhete-haram, iBhete-nimra, iSukoti, kunye neZafon, nawo wonke ummandla kakumkani uSihon waseHeshbhon. Umda wabo ngasentshona yayingumlambo iJordan kuse emantla kuLwandle lwaseGalili.

Uyoshuwa 13