5. Akukho namnye uya kumelana nawe yonke imihla yokudla kwakho ubomi. Ndiya kuhlala ndisecaleni kwakho njengoko bendenjenjalo nakuMosis. Andiyi kukuyekela; andiyi kukushiya.
6. Yomelela, ukhaliphe, kuba uza kubangenisa aba bantu kweli lizwe endithembise ooyise-mkhulu ngesifungo ukuba loba lilifa labo.
7. Yomelela ke, ukhaliphe kunene! Uze unyamekele ukuwuthobela wonke umthetho owuwiselwe nguMosis isicaka sam. Khon' ukuze ube nempumelelo naphi na apho uya khona, ungàze uphambuke kuwo nakancinane.
8. Kufuneka incwadi yomthetho ikukhokele kuyo yonke into oyithethayo. Uze uyifunde uyigocagoce ubusuku nemini, uzazi uzithobele izinto ezibhaliweyo kuyo. Xa wenjenjalo woba nenkqubela nempumelelo.
9. Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.”
10. UYoshuwa uyalele iinduna zakhe, wathi:
11. “Tyhutyhani umzi, nixelele amaSirayeli ukuba alungise umphako wendlela, kuba kuza kuhanjwa emva kweentsuku ezintathu, kuwelwe iJordan, kuthinjwe ilizwe enilinikwe *nguNdikhoyo uThixo wenu ukuze libe lelenu.”
12. UYoshuwa wathetha nesizwe sakwaRubhen nesakwaGadi nenxalenye yesizwe sakwaManase, wathi: