34. Amphendula athi: “Singathini ukufundiswa nguwe, ntondini eyazalelwa esonweni!” Waza ke wasikwa *endlwini yesikhungo.
35. UYesu weva okokuba umntu lowo usikiwe. Akumfumana wathi kuye: “Uyakholwa na kuye *uNyana woLuntu?”
36. Waphendula yena wathi: “Ndixelele ukuba ngongubani lowo, Nkosi, ukuze nam ndikholwe kuye.”
37. Wathi kuye uYesu: “Sewumbonile; ngulo uthethayo nawe ngoku.”
38. Waza wathi: “Ndiyakholwa, Nkosi.” Watsho waguqa phambi koYesu.
39. Waza wathi uYesu: “Mna ndize kweli hlabathi ukuze abantu bacaluleke: ukuze iimfama zibone, bathi ababonayo babe ziimfama.”
40. *AbaFarasi abathile ababelapho kunye naye, bamva eyithetha le nto, baza bambuza besithi: “Nathi uthi siziimfama?”
41. Wathi kubo uYesu: “Ukuba benizizo iimfama ngeningenatyala, kodwa ngenxa yokuba nisithi niyabona, nihlala ninalo ityala.”