Uyohane 9:30-41 Ibhayibhile (XHO96)

30. Waphendula wathi: “Simanga! Nina nithi animazi apho avela khona, kanti nguye owavulileyo amehlo am.

31. Kuyaqondakala okokuba uThixo akabeva aboni; kuphela uva abo bamhloneleyo ngokwenza oko akuthandayo.

32. Okoko ladalwayo ihlabathi akuzange kuviwe ngomntu owakha wavula amehlo omntu ozelwe eyimfama.

33. Ukuba lo mntu ebengaveli kuThixo nge-engenako mpela ukwenza into enje.”

34. Amphendula athi: “Singathini ukufundiswa nguwe, ntondini eyazalelwa esonweni!” Waza ke wasikwa *endlwini yesikhungo.

35. UYesu weva okokuba umntu lowo usikiwe. Akumfumana wathi kuye: “Uyakholwa na kuye *uNyana woLuntu?”

36. Waphendula yena wathi: “Ndixelele ukuba ngongubani lowo, Nkosi, ukuze nam ndikholwe kuye.”

37. Wathi kuye uYesu: “Sewumbonile; ngulo uthethayo nawe ngoku.”

38. Waza wathi: “Ndiyakholwa, Nkosi.” Watsho waguqa phambi koYesu.

39. Waza wathi uYesu: “Mna ndize kweli hlabathi ukuze abantu bacaluleke: ukuze iimfama zibone, bathi ababonayo babe ziimfama.”

40. *AbaFarasi abathile ababelapho kunye naye, bamva eyithetha le nto, baza bambuza besithi: “Nathi uthi siziimfama?”

41. Wathi kubo uYesu: “Ukuba benizizo iimfama ngeningenatyala, kodwa ngenxa yokuba nisithi niyabona, nihlala ninalo ityala.”

Uyohane 9