Uyohane 8:46-50 Ibhayibhile (XHO96)

46. Akukho namnye kuni ungandibeka tyala, athi ndonile. Ndithetha inyaniso nje, ngani ukuba ningakholwa?

47. OngokaThixo uyaweva amazwi kaThixo. Ke ngoko nina aniweva amazwi kaThixo, kuba aningabo abakaThixo.”

48. AmaJuda amphendula uYesu, athi kuye: “Asinyanisanga na ke xa sithi ungumSamariya, yaye unendimoni?”

49. Waphendula uYesu wathi: “Andinandimoni mna. Ndihlonela uBawo, kodwa nina anindihloneli.

50. Mna andizifuneli wonga; ukho ondifunelayo; yena uyandilamlela.

Uyohane 8