4. baza bathi kuYesu: “Mfundisi, lo mfazi ubanjwe ekrexeza.
5. Emthethweni wethu uMosis uthi umfazi onjalo makagityiselwe ngamatye abulawe. Ke wena ngaba uthi makathiweni?”
6. Besitsho nje, babemthiyisela, befuna athethe into abanokummangalela ngayo. Kodwa uYesu wathoba, wabhala ngomnwe emhlabeni.
7. Besamile njalo bembuza, waphakama, wathi kubo: “Ongenasono kuni makube nguye ogibisela ilitye lokuqala.”
8. Waphinda wathoba uYesu, wabhala emhlabeni.
9. Bekuvile oko, bemka bonke ngabanye ngabanye, baqalela kwabadala. Kwasala uYesu nomfazi lowo, esemi apho.
10. Waphakama uYesu, wathi kuye: “Baphi na abamangaleli bakho? Akukho namnye na oshiyekileyo?”
11. Waphendula wathi: “Namnye, Nkosi.”Wathi uYesu: “Nam ke andikugwebi. Hamba, ungàbuye wone.”]
12. UYesu waphinda wabhekisa ebantwini wathi: “Ndim ukhanyiso lwehlabathi. Lowo undilandelayo soze ahambe ebumnyameni; woba nokhanyiselo olunika ubomi.”
13. Baza *abaFarasi bathi kuye: “Wena uzingqinela ngokwakho. Ngenxa yoko ubungqina bakho abamkeleki.”
14. Waphendula uYesu wathi kubo: “Nangona indim ozingqinelayo, buyinyaniso ubungqina bam, kuba ndiyazi apho ndivela khona nalapho ndiya khona; nina aniyazi imvelaphi yam; nalapho ndiya khona anazi.
15. Nina nigweba ngokwabantu. Mna akukho namnye endimgwebayo.
16. Kodwa ke, ukuba ndithe ndagweba, isigwebo sam sithembekile; kuba andindedwa, ndikunye noBawo ondithumileyo.
17. Nasemthethweni wenu kubhalwe kwathiwa ubungqina bamagqina amabini banele.
18. Mna ndizingqinela ngokwam, abe kwanoBawo owandithumayo endingqinela.”