17. Nasemthethweni wenu kubhalwe kwathiwa ubungqina bamagqina amabini banele.
18. Mna ndizingqinela ngokwam, abe kwanoBawo owandithumayo endingqinela.”
19. Baza bathi kuye: “Uphi loo Yihlo?”Waphendula uYesu wathi: “Kwankqu mna lo anindazi, noBawo ningamazi. Ukuba ke benindazi mna, noBawo ngenimazi.”
20. Konke oku kwathethwa nguYesu efundisa *endlwini kaThixo, ekwigumbi leminikelo; kodwa akubangakho namnye umbambayo, kuba lalingekafiki ixesha.
21. Waphinda uYesu wathi kubo: “Ndiyemka mna; ke nina niya kundifuna; yaye niya kufela ezonweni zenu. Apho ndiya khona mna, aninakuya nina.”
22. Ke ngoko athi amaJuda: “Ngaba bethu úza kuzibulala, esithi nje apho aya khona thina asinakuya?”
23. Waza wathi kuwo: “Nina ningabalapha phantsi; mna ndivela phezulu. Nina ningabeli hlabathi; mna andinguye oweli hlabathi.
24. Kungoko nditshoyo ukuthi niya kufela ezonweni zenu. Ukuba anithanga nakholwa okokuba ndinguye endinguye, niya kufela ezonweni zenu.”