Uyohane 8:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. UYesu yena waya eNtabeni yemiNquma.

2. Lakuphuma ilanga ngosuku olulandelayo, wabuyela *endlwini kaThixo. Isihlwele samngqonga, waza wahlala phantsi, wabafundisa abantu.

3. Abachazi-mthetho *nabaFarasi beza nomfazi owayebanjwe ekrexeza, bammisa phambi kwabantu;

4. baza bathi kuYesu: “Mfundisi, lo mfazi ubanjwe ekrexeza.

5. Emthethweni wethu uMosis uthi umfazi onjalo makagityiselwe ngamatye abulawe. Ke wena ngaba uthi makathiweni?”

6. Besitsho nje, babemthiyisela, befuna athethe into abanokummangalela ngayo. Kodwa uYesu wathoba, wabhala ngomnwe emhlabeni.

7. Besamile njalo bembuza, waphakama, wathi kubo: “Ongenasono kuni makube nguye ogibisela ilitye lokuqala.”

8. Waphinda wathoba uYesu, wabhala emhlabeni.

Uyohane 8