Uyohane 7:9-26 Ibhayibhile (XHO96)

9. Akuba etshilo wasala eGalili.

10. Bakuba bemkile abantakwabo-Yesu ukuya ethekweni apho, naye waya khona, phofu wahamba ngokuzimela.

11. AmaJuda ayemfuna apho ethekweni, emana ebuzisa ngaye.

12. Kwakugqugulwa ngaye, kukho abathi: “Yindoda leya;” kukho nabathi: “Hayi bo, uyabalahlekisa abantu.”

13. Noko akuzange kubekho bani uthetha ngaye ekuhleni, kuba babesoyika amaJuda.

14. Kwathi itheko selishushu, uYesu waya *endlwini kaThixo, wafundisa.

15. Amangaliswa amaJuda, athi: “Ngaba lo mntu uluthathe phi lonke olu lwazi, engafundanga nje?”

16. Waza uYesu wawaphendula wathi: “Le mfundiso ndiyifundisayo asiyoyam, koko ivela kulowo undithumileyo.

17. Lowo uyenzayo intando kaThixo, uya kuqonda ukuba andithethi okukokwam, koko ndifundisa okuphuma kuThixo.

18. Othetha okukokwakhe uzifunela olwakhe udumo; ke yena ofuna udumo lwalowo umthumileyo unyanisekile, akukho nkohliso kuye.

19. Akaniwiselanga umthetho na uMosis? Kanti akukho namnye kuni uwuthobeleyo. Kungani na ukuba nifune ukundibulala?”

20. Abantu baphendula bathi: “Uphambene! Ngubani ofuna ukukubulala?”

21. Waphendula uYesu, wathi kubo: “Ndenze into yanye *ngoMhla woPhumlo, naza namangaliswa nonke.

22. Khaniphawule le ndawo ngolwaluko lwesiJuda: Ulwaluko lwaqalwa ngamanyange, waza noMosis wawisa umthetho wokuba lubekho. Ngoko niyalùsa nangoMhla wokuPhumla.

23. Ukuba ke umntwana oyinkwenkwe niyamalùsa ngoMhla woPhumlo, ngenxa yokuba nifuna ukugcina umthetho kaMosis, kutheni ke ukuba nikhathazeke kuba ndithe ndaphilisa umntu?

24. Sanukugweba ngokwembonakalo; gwebani ngobulungisa.”

25. Abanye abantu baseJerusalem babesithi: “Ngaba asinguye na lo bafuna ukumbulala?

26. Kanti nanko ethetha ekuhleni, kungekho bani ubhekisa nento le kuye! Ngaba iinkokheli ziqondile okokuba ngokwenyani lo *nguKrestu?

Uyohane 7