34. Niya kundifuna ke, ningandifumani, kuba nina aninako ukuya apho ndiya khona.”
35. Aza amaJuda abuzana esithi: “Ngaba bethu uza kuya phi, ze ke singabi nako ukumfumana? Ngaba uzimisele ukuya kumaJuda athe saa kwelamaGrike, aze afundise amaGrike?
36. Ngaba uthetha ukuthini xa athi: ‘Niya kundifuna ningandifumani, kuba nina aninako ukuya apho ndiya khona’?”
37. Ngosuku lokugqibela, olo ke lulolona lubalulekileyo lwetheko, wema uYesu, wathetha ngelivakalayo esithi: “Onxaniweyo makeze kum asele.
38. *IziBhalo zithi kuya kugqabhuka imisinga yamanzi aphilisayo embilinini walowo ukholwayo kum.”
39. UYesu wayithetha le nto esingisele kuMoya ababeya kumamkela abo babekholwa kuye. Kaloku uMoya wayengekafiki, kuba ubungangamsha bukaYesu babungekabonakali.