Uyohane 7:15-21 Ibhayibhile (XHO96)

15. Amangaliswa amaJuda, athi: “Ngaba lo mntu uluthathe phi lonke olu lwazi, engafundanga nje?”

16. Waza uYesu wawaphendula wathi: “Le mfundiso ndiyifundisayo asiyoyam, koko ivela kulowo undithumileyo.

17. Lowo uyenzayo intando kaThixo, uya kuqonda ukuba andithethi okukokwam, koko ndifundisa okuphuma kuThixo.

18. Othetha okukokwakhe uzifunela olwakhe udumo; ke yena ofuna udumo lwalowo umthumileyo unyanisekile, akukho nkohliso kuye.

19. Akaniwiselanga umthetho na uMosis? Kanti akukho namnye kuni uwuthobeleyo. Kungani na ukuba nifune ukundibulala?”

20. Abantu baphendula bathi: “Uphambene! Ngubani ofuna ukukubulala?”

21. Waphendula uYesu, wathi kubo: “Ndenze into yanye *ngoMhla woPhumlo, naza namangaliswa nonke.

Uyohane 7