Uyohane 6:24-36 Ibhayibhile (XHO96)

24. Yakubona ke indimbane okokuba uYesu akakho apho, bengekho nabafundi bakhe, yakhwela kwezo zikhitshana, yaya kumfuna eKapernahum.

25. Abo bantu bamfumana uYesu ngaphesheya kolwandle, bathi kuye: “Mfundisi, ngaba ufike nini na apha?”

26. Waphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, anizanga kundifuna kuba nibone imiqondiso endiyenzayo; nindifuna kuba nitye esaa sonka nahlutha.

27. Sanukusebenzela ukutya okuphelayo; sebenzelani ukutya okungapheliyo, okusisondlo sobona bomi bungenasiphelo. Oko kutya niya kukunikwa nguye uNyana woLuntu, kuba uYise, uThixo, wamgunyazisela oko.”

28. Ke ngoko bathi kuye: “Misebenzi mini uThixo afuna siyenze?”

29. Waphendula uYesu, wathi kubo: “Umsebenzi uThixo afuna niwenze ngulo wokuba nizinikele nikholwe kulowo uThixo amthumileyo.”

30. Ke bona bathi kuye: “Wena ngaba wenza mqondiso mni na, ukuze sibone sikholwe kuwe? Yintoni oyenzayo?

31. Oobawo bâtya *imana entlango, njengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi: ‘Wabanika batya isonka esivela ezulwini.’”

32. Wathi ke uYesu kubo: “Ndithi kuni, inene, asinguye uMosis owaninika isonka esivela ezulwini; nguBawo oninika esona sonka sisiso esivela ezulwini.

33. Isonka esivela kuThixo ngulowo wehlayo evela ezulwini, eze kulinika ubomi ihlabathi.”

34. Baza bathi kuye: “Nkosi, uzungadinwa nanini na ukusipha eso sonka.”

35. Wathi kubo uYesu: “Ndim isonka sobomi. Ozayo kum akasoze alambe, nokholwayo kum akasoze anxanwe.

36. “Ke nina, njengoko senditshilo, nindibonile nokundibona, naza noko anakholwa.

Uyohane 6