9. Kwathi kwangoko waphila loo mntu, waluthatha ukhuko lwakhe, wahamba-hamba.Oku kwênzeka *ngoMhla wokuPhumla,
10. aza amaJuda athi kulowo waphiliswayo: “KungoMhla wokuPhumla namhlanje; akuvumelekanga ukuba uthwale ukhuko lwakho.”
11. Waphendula wathi: “Ondiphilisileyo uthe kum: ‘Thatha ukhuko lwakho, uhambe.’ ”
12. Ambuza athi: “Ngubani na lowo uthe kuwe: ‘Thatha ukhuko lwakho, uhambe’?”
13. Kodwa lowo waphiliswayo wayengamazi okokuba ungubani owamphilisayo, kuba kwakukho abantu abaninzi apho, noYesu wayeselemkile.
14. Kwathi emva koko uYesu waphinda wadibana naye *endlwini kaThixo, wathi: “Khangela, uphilile ngoku. Yahlukana nesono, hleze uhlelwe yinto embi kunale.”