18. Oku kwabangela okokuba amaJuda afune ngakumbi ukumbulala uYesu. Wayengachithanga uMhla wawo wokuPhumla kuphela, kodwa wayezilinganise nokuzilinganisa noThixo ngokuthi uThixo unguYise.
19. Ke ngoko uYesu waziphendulela kumaJuda, wathi: “Ndithi kuni, inene, ayikho into ayenza ngegunya lakhe uNyana; kuphela wenza oko akubona kusenziwa nguYise. Oko akwenzayo uYise, naye uNyana uyakwenza;
20. kuba uYise uyamthanda uNyana, embonisa zonke izinto azenzayo. Kwaye uya kumbonisa nezenzo ezikhulu kunezi, nitsho nimangaliswe;
21. kuba kwanjengoko uYise abavusayo abafileyo, abadlise ubomi, ngokunjalo noNyana ubadlisa ubomi abo athandayo ukubadlisa.
22. Kananjalo uYise akagwebi namnye. Lonke igunya lokugweba ulinika uNyana,
23. ukuze bonke bamhlonele uNyana njengoko bamhlonelayo uYise. Lowo ke ungamhlonelanga uNyana, akamhloneli noYise owamthumayo.
24. “Ndithi kuni, inene, lowo uwevayo amazwi am, abe ekholwa kulowo undithumileyo, unobomi obungunaphakade. Yena akayi kugwetywa nokugwetywa, kuba selephumile ekufeni wangena ebomini.
25. Ndithi kuni, inene, kuza ixesha, kwaye selifikile, lokuba abasemangcwabeni balive ilizwi loNyana kaThixo, bathi abalivileyo badle ubomi.
26. UYise, umthombo odlisa ubomi, ukunike noNyana ukudlisa ubomi.
27. Kananjalo umnike negunya lokugweba, kuba yena *enguNyana woLuntu.
28. Musani ukumangaliswa kuko oku, kuba ixesha liyeza abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe,
29. baphume emangcwabeni, bathi abo benze ubulungisa bavukele ebomini, bathi abo benze inkohlakalo bavukele ekugwetyweni.”
30. “Mna ngokwam andinakwenza nto. Ndigweba njengoko ndiyalelweyo, kwaye ukugweba kwam kufanelekile, kuba andinanjongo yakwenza ntando yam, koko ndenza ukuthanda kwalowo undithumileyo.
31. “Ukuba bendizingqinela ngokwam, ubungqina bam ngebuthandabuzeka.
32. Kodwa ndinomnye ongqina ngam, kwaye ndiyazi ukuba ubungqina bakhe abuthandabuzeki.