13. Kodwa lowo waphiliswayo wayengamazi okokuba ungubani owamphilisayo, kuba kwakukho abantu abaninzi apho, noYesu wayeselemkile.
14. Kwathi emva koko uYesu waphinda wadibana naye *endlwini kaThixo, wathi: “Khangela, uphilile ngoku. Yahlukana nesono, hleze uhlelwe yinto embi kunale.”
15. Wahamba ke umntu lowo, waya kuwaxelela amaJuda ukuba nguYesu owamphilisayo.
16. Ngenxa yaloo nto ke amaJuda amchasa uYesu, kuba esenza ezi zinto ngoMhla wokuPhumla.
17. Wawaphendula ke uYesu wathi: “UBawo uyasebenza kude kube ngoku; nam ke ndiyasebenza.”
18. Oku kwabangela okokuba amaJuda afune ngakumbi ukumbulala uYesu. Wayengachithanga uMhla wawo wokuPhumla kuphela, kodwa wayezilinganise nokuzilinganisa noThixo ngokuthi uThixo unguYise.
19. Ke ngoko uYesu waziphendulela kumaJuda, wathi: “Ndithi kuni, inene, ayikho into ayenza ngegunya lakhe uNyana; kuphela wenza oko akubona kusenziwa nguYise. Oko akwenzayo uYise, naye uNyana uyakwenza;
20. kuba uYise uyamthanda uNyana, embonisa zonke izinto azenzayo. Kwaye uya kumbonisa nezenzo ezikhulu kunezi, nitsho nimangaliswe;
21. kuba kwanjengoko uYise abavusayo abafileyo, abadlise ubomi, ngokunjalo noNyana ubadlisa ubomi abo athandayo ukubadlisa.