1. Kwathi emva koko kwabakho itheko lamaJuda, waza uYesu waya eJerusalem.
2. EJerusalem kukho ichibi leegusha elibizwa ngokuba yiBhetesda ngesiHebhere. Ngakulo kukho iivaranda ezintlanu.
3. Kuzo kwakulele into eninzi yezigulane – iimfama, neziqhwala, nabafe amacala. [Zazilinde ukuzanya-zanyiswa kwamanzi,
4. kuba ngamaxesha athile sasisithi isithunywa seNkosi singene echibini apho, siwazama-zamise amanzi. Sasisithi ke isigulana esingene kuqala echibini emva kokuzanya-zanyiswa kwamanzi, siphile nakusiphi na isifo esasinaso.]
5. Ke kwakukho ndoda ithile apho, eyayiminyaka imashumi mathathu anesibhozo igula.