1. Kwathi emva koko kwabakho itheko lamaJuda, waza uYesu waya eJerusalem.
2. EJerusalem kukho ichibi leegusha elibizwa ngokuba yiBhetesda ngesiHebhere. Ngakulo kukho iivaranda ezintlanu.
3. Kuzo kwakulele into eninzi yezigulane – iimfama, neziqhwala, nabafe amacala. [Zazilinde ukuzanya-zanyiswa kwamanzi,
4. kuba ngamaxesha athile sasisithi isithunywa seNkosi singene echibini apho, siwazama-zamise amanzi. Sasisithi ke isigulana esingene kuqala echibini emva kokuzanya-zanyiswa kwamanzi, siphile nakusiphi na isifo esasinaso.]
5. Ke kwakukho ndoda ithile apho, eyayiminyaka imashumi mathathu anesibhozo igula.
6. Kwathi uYesu akuyibona ilele apho, esazi nokuba selinexesha elide igula, wathi kuyo: “Uyafuna na ukuphila?”
7. Saphendula isigulane sathi: “Nkosi, andinamntu wakundifaka echibini akuba amanzi egxobhekile. Ndithi ndisazama ukungena, ndisuke ndiphangelwe ngomnye.”
8. UYesu wathi kuso: “Phakama! Thatha ukhuko lwakho, uhambe.”
9. Kwathi kwangoko waphila loo mntu, waluthatha ukhuko lwakhe, wahamba-hamba.Oku kwênzeka *ngoMhla wokuPhumla,
10. aza amaJuda athi kulowo waphiliswayo: “KungoMhla wokuPhumla namhlanje; akuvumelekanga ukuba uthwale ukhuko lwakho.”
11. Waphendula wathi: “Ondiphilisileyo uthe kum: ‘Thatha ukhuko lwakho, uhambe.’ ”
12. Ambuza athi: “Ngubani na lowo uthe kuwe: ‘Thatha ukhuko lwakho, uhambe’?”