24. UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo kufuneka bamnqule ngoMoya benyanisekile.”
25. Loo mfazi wathi kuye: “Ndiyazi ukuba *uMesiya, ekuthiwa *nguKrestu, uyeza. Wothi ke akufika asixelele konke.”
26. UYesu wathi kuye: “Nguye kanye lo uthetha nawe.”
27. Kwathi ngelo xesha bafika abafundi bakaYesu, bamangaliswa kukuba ethetha nomntu obhinqileyo. Noko akubangakho namnye owathi: “Ufuna ntoni na kuye?” okanye owathi: “Kutheni na ukuba uthethe naye?”
28. Umfazi lowo ke wayishiya ingqayi yakhe, waya edolophini, wathi ebantwini:
29. “Yizani nibone; nanku umntu ondixelele zonke izinto endakha ndazenza. Akangebi *nguKrestu na?”
30. Baphuma ke edolophini, baya kuYesu.
31. Ngeli thuba abafundi bakaYesu babembongoza besithi: “Mfundisi, nantsi into etyiwayo!”
32. Kodwa yena wathi kubo: “Mna ndinokutya eningakwaziyo nina.”
33. Baza abafundi babuzana besithi: “Ngaba kukho mntu umzisele ukutya na?”
34. UYesu wathi kubo: “Ukwenza ukuthanda kwalowo undithumileyo kukutya kwam, ndide ndiwufeze umsebenzi wakhe.