Uyohane 4:1-2-18 Ibhayibhile (XHO96)

1-2. Naxa uYesu ngokwakhe engazange abhaptize namnye, ingabafundi bakhe ababebhaptiza, *abaFarasi beva ukuba uYesu ugqithisile kuYohane ukufumana abafundi ababhaptize.

3. Ngenxa yoko uYesu wemka kwelakwaJuda, wabuyela kwelaseGalili.

4. Kwakufuneka acande kwelamaSamariya.

5. Wafika kwidolophu yaseSamariya ekuthiwa yiSikare, kufuphi nendawo awathi uYakobi wayinika uJosefu unyana wakhe.

6. Lalilapho iqula likaYakobi, waza wathi uYesu, ediniwe luhambo, wahlala phantsi ngasequleni apho. Kwakusemini emaqanda.

7. Kwafika umSamariyakazi, eze kukha amanzi, uYesu wathi kuye: “Khawundiphe amanzi, ndisele.”

8. Abafundi bakhe babengekho, beye kuthenga ukutya edolophini.

9. Waphendula ke umSamariyakazi wathi kuye: “Ungathini na wena ungumJuda nje, ukuwacela kum amanzi, ndingumSamariya nje mna?” Kaloku amaJuda akanabudlelane namaSamariya.

10. Waphendula uYesu wathi kuye: “Ukuba ubusazi isipho uThixo afuna ukukupha sona, ùmazi ukuba ngubani na lo ucela amanzi kuwe, ngewucele kuye wena, aze yena akuphe amanzi aphilileyo.”

11. Umfazi lowo wathi kuye: “Nkosi, akunanto yakukha, nequla linzulu; ungawafumana phi ke amanzi aphilileyo?

12. Ngaba wena umkhulu na kunokhokho wethu uYakobi, owasinika eli qula, awayesela kulo ngokwakhe kwakunye noonyana bakhe nempahla yakhe?”

13. Waphendula uYesu wathi kuye: “Bonke abasela kula manzi baya kubuya banxanwe.

14. Ke yena othe wawasela amanzi endiya kumpha wona mna, soze anxanwe naphakade. Amanzi endiya kumnika wona, aya kuba ngumthombo ompompoza kuye, emnika obona bomi bungenasiphelo.”

15. Umfazi wathi kuye: “Nkosi, nam ndiphe loo manzi ukuze ndingabi saphinda ndinxanwe, ndingezi nokuza kukha manzi apha.”

16. Wathi kuye: “Hamba uye kubiza indoda yakho, nize apha.”

17. Waphendula umfazi wathi: “Andinandoda.”UYesu wathi kuye: “Ùnyanisile ukuthi akunandoda,

18. kuba ubunamadoda amahlanu, nale unayo ngoku asiyoyakho.”

Uyohane 4