8. Umoya uphephezela apho uthanda khona, ùsive isandi sawo, kodwa ùbe ungawazi apho úvela khona nalapho úya khona. Bakwanjalo ke bonke abazelwe nguMoya kaThixo.”
9. Waphendula uNikodimo esithi: “Ingenzeka njani le nto?”
10. Waphendula uYesu wathi: “Ungumfundisi omkhulu nje wakwaSirayeli, ungathini ukungazazi ezi zinto?
11. Ndithi kuwe, inene, sithetha esikwaziyo, singqine esikubonileyo, kanti noko nisuka ningabamkeli ubungqina bethu.
12. Ukuba ndinixelele izinto zasehlabathini naza anakholwa, nothini ke ukukholwa ndakunixelela izinto zasezulwini?
13. Akukho namnye wakha wenyuka waya ezulwini, ngaphandle kwalowo wehlayo evela ezulwini, *uNyana woLuntu.
14. “Njengokuba uMosis wayiphakamisayo inyoka entlango, umelwe kukuphakanyiswa kwangokunjalo naye uNyana woLuntu,
15. ukuze bonke abakholwayo kuye babe nobomi obungonaphakade.
16. Kaloku uThixo ihlabathi ulithande kangangokuba ude wancama uNyana okuphela kwakhe, ukuze wonke umntu ozinikele kuye ngokupheleleyo angatshabalali, koko abe nobona bomi bungenasiphelo.
17. Kuba kaloku uThixo akamthumanga uNyana wakhe ehlabathini ukuze aligwebe, koko wamthuma ukuze abe nguMsindisi walo.
18. “Lowo uzinikelayo kuNyana kaThixo akagwetywa; kodwa lowo ungazinikeliyo selegwetyiwe, kuba engakholwa kuNyana kaThixo okuphela kwakhe.
19. Imbangi yesi sigwebo nantsi: Ukukhanya kufikile ehlabathini, baza abantu bathanda ubumnyama ngaphezu kokukhanya, kuba izenzo zabo zikhohlakele.