Uyohane 3:5-8 Ibhayibhile (XHO96)

5. Waphendula uYesu, wathi: “Ndithi kuwe, inene, ukuba umntu akathanga azalwe ngamanzi nanguMoya kaThixo, akanakulawulwa nguThixo.

6. Okuzalwa yinyama negazi kuyinyama negazi; okuzalwa nguMoya kunguMoya.

7. Sukumangaliswa kukuba ndithe kuwe: ‘Nimelwe kukuzalwa ngokutsha.’

8. Umoya uphephezela apho uthanda khona, ùsive isandi sawo, kodwa ùbe ungawazi apho úvela khona nalapho úya khona. Bakwanjalo ke bonke abazelwe nguMoya kaThixo.”

Uyohane 3