Uyohane 3:19-22 Ibhayibhile (XHO96)

19. Imbangi yesi sigwebo nantsi: Ukukhanya kufikile ehlabathini, baza abantu bathanda ubumnyama ngaphezu kokukhanya, kuba izenzo zabo zikhohlakele.

20. Kakade wonke umenzi wenkohlakalo ukuthiyile ukukhanya. Akasondeli nokusondela ekukhanyeni, hleze izenzo zakhe zivele.

21. Ke lowo ungowenyaniso uyeza ekukhanyeni, ukuze abonakale ngezenzo zakhe ukuba umthobele uThixo.”

22. Emva koko uYesu nabafundi bakhe baya kummandla wakwaJuda; waza uYesu waba nexesha ekunye nabo apho, ebhaptiza.

Uyohane 3