4. Ukuthi chapha komsobomvu nako kumi uYesu elunxwemeni. Phofu abafundi babengaqondi ukuba nguYesu.
5. Wathi ke ngoko uYesu kubo: “Anibambanga ntlanzi, bafana?”Bamphendula bathi: “Hayi.”
6. Waza wathi kubo: “Phosani umnatha ngasekunene kwesikhitshana. Nobambisa ke.” Bawuphosa, baza ngenxa yobuninzi beentlanzi ababi nako ukuwutsala umnatha.
7. Ke ngoko loo mfundi obethandwa nguYesu wathi kuPetros: “YiNkosi!” USimon Petros, akuva ukuba yiNkosi le, wazithi wambu ngengubo, kuba wayetyedile, watsho waziphosa emanzini.
8. Ke bona abanye abafundi baya elunxwemeni ngesikhitshana, bawurhuqa umnatha, uzele ziintlanzi. Kwakumalunga neemitha ezilikhulu ukuya elunxwemeni.
9. Bakuhla esikhitshaneni, babona umlilo wamalahle, kukho intlanzi kuwo kwanesonka.
10. Wathi kubo uYesu: “Khanize neentlanzi kwezi nisand' ukuzibamba.”
11. USimon Petros wakhwela esikhitshaneni, wawurhuqela elunxwemeni umnatha, uzele ziintlanzi ezinkulu, zilikhulu elinamashumi amahlanu anantathu zizonke. Nangona zazininzi kangako umnatha awuqhaqhekanga.
12. Waza wathi kubo uYesu: “Yizani kutya.” Akubangakho namnye kubafundi ube nabuganga bakuthi: “Ungubani wena?” Kaloku babesazi ukuba yiNkosi.
13. Wasondela uYesu, wasithatha isonka, wabanika; wathatha nentlanzi, wabanika.
14. Oku kuzibonakalisa kukaYesu kubafundi bakhe kwakukokwesithathu emva kokuvuka kwakhe ekufeni.
15. Emva kokuba betyile, uYesu wathi kuSimon Petros: “Simon, nyana kaYohane, uyandithanda na ngaphezu kwaba?”Wathi kuye: “Ewe, Nkosi, uyazi ukuba ndiyakuthanda.” Wathi kuye uYesu: “Yondla amatakane am.”