Uyohane 21:3-7 Ibhayibhile (XHO96)

3. Waza wathi kubo uSimon Petros: “Ndisaya kuloba.”Baza bathi kuye: “Nathi sohamba nawe.” Baya ke bekhwele isikhitshana, kodwa àbabamba nto ngobo busuku.

4. Ukuthi chapha komsobomvu nako kumi uYesu elunxwemeni. Phofu abafundi babengaqondi ukuba nguYesu.

5. Wathi ke ngoko uYesu kubo: “Anibambanga ntlanzi, bafana?”Bamphendula bathi: “Hayi.”

6. Waza wathi kubo: “Phosani umnatha ngasekunene kwesikhitshana. Nobambisa ke.” Bawuphosa, baza ngenxa yobuninzi beentlanzi ababi nako ukuwutsala umnatha.

7. Ke ngoko loo mfundi obethandwa nguYesu wathi kuPetros: “YiNkosi!” USimon Petros, akuva ukuba yiNkosi le, wazithi wambu ngengubo, kuba wayetyedile, watsho waziphosa emanzini.

Uyohane 21