Uyohane 21:21-25 Ibhayibhile (XHO96)

21. Wathi ke kuYesu uPetros akumbona lo mfundi: “Nkosi, kuya kuthekani ngalo?”

22. Waza wathi kuye uYesu: “Ukuba ndifuna abekho ndide ndibuye, inamsebenzi mni loo nto kuwe? Ndilandèle, wena.”

23. Yathetheka ke le ntetho phakathi kwabalandeli bakaYesu, kusithiwa loo mfundi akayi kufa. Kodwa uYesu wayengatshongo kuye ukuba akayi kufa; wayethe: “Ukuba ndifuna abekho ndide ndibuye, inamsebenzi mni na loo nto kuwe?”

24. Nguye ke lo mfundi ozingqinayo ezi zinto, wazibhala nokuzibhala. Siyazi ke ukuba ubungqina bakhe buyinyaniso.

25. Zininzi nezinye izinto awazenzayo uYesu. Ukuba bezinokubhalwa zonke ngazinye, ndithelekelela okokuba ihlabathi liphela belingenakuziqulatha iincwadi ebeziya kubhalwa.

Uyohane 21