1. Emva koko uYesu waphinda wazibonakalisa kubafundi bakhe ngakuLwandle lwaseTibheriya. Kwahamba ngolu hlobo ukuzibonakalisa kwakhe:
2. USimon Petros, noTomas ekuthiwa nguWele, noNataniyeli waseKana eGalili, kunye noonyana bakaZebhedi, nabanye abafundi ababini, babendawonye.
3. Waza wathi kubo uSimon Petros: “Ndisaya kuloba.”Baza bathi kuye: “Nathi sohamba nawe.” Baya ke bekhwele isikhitshana, kodwa àbabamba nto ngobo busuku.
4. Ukuthi chapha komsobomvu nako kumi uYesu elunxwemeni. Phofu abafundi babengaqondi ukuba nguYesu.
5. Wathi ke ngoko uYesu kubo: “Anibambanga ntlanzi, bafana?”Bamphendula bathi: “Hayi.”
6. Waza wathi kubo: “Phosani umnatha ngasekunene kwesikhitshana. Nobambisa ke.” Bawuphosa, baza ngenxa yobuninzi beentlanzi ababi nako ukuwutsala umnatha.
7. Ke ngoko loo mfundi obethandwa nguYesu wathi kuPetros: “YiNkosi!” USimon Petros, akuva ukuba yiNkosi le, wazithi wambu ngengubo, kuba wayetyedile, watsho waziphosa emanzini.
8. Ke bona abanye abafundi baya elunxwemeni ngesikhitshana, bawurhuqa umnatha, uzele ziintlanzi. Kwakumalunga neemitha ezilikhulu ukuya elunxwemeni.
9. Bakuhla esikhitshaneni, babona umlilo wamalahle, kukho intlanzi kuwo kwanesonka.
10. Wathi kubo uYesu: “Khanize neentlanzi kwezi nisand' ukuzibamba.”
11. USimon Petros wakhwela esikhitshaneni, wawurhuqela elunxwemeni umnatha, uzele ziintlanzi ezinkulu, zilikhulu elinamashumi amahlanu anantathu zizonke. Nangona zazininzi kangako umnatha awuqhaqhekanga.