Uyohane 20:4-13 Ibhayibhile (XHO96)

4. Babebaleka kunye, kodwa omnye umfundi lo wamshiya ngamendu uPetros, wafika kuqala engcwabeni.

5. Wathoba nje, wawabona amalaphu elinen, engakhange angene.

6. Wagaleleka noPetros, wangena engcwabeni. Wawabona amalaphu ephantsi.

7. Ilaphu uYesu awayebotshwe ngalo intloko, walibona lilodwa, lisongiwe.

8. Wangena ke naloo mfundi obefike kuqala engcwabeni. Akukhangela wakholwa.

9. Kaloku babengaliqondi ilizwi *leziBhalo elithi umelwe kukuba avuke ekufeni.

10. Baza ke bagoduka abafundi.

11. UMariya wayemi ngasengcwabeni elila. Esalila njalo wathoba, wakhangela engcwabeni,

12. wabona izithunywa zezulu ezibini zambethe ezimhlophe, zihleli apho bekukho umzimba kaYesu, esinye sihleli ngasentloko, esinye singasezinyaweni.

13. Zathi ke kuye: “Ulilela ntoni?”Wathi kuzo: “Ithathiwe iNkosi yam. Andazi nokuba ibekwe phi na.”

Uyohane 20