Uyohane 20:21-25 Ibhayibhile (XHO96)

21. Waphinda wathi kubo uYesu: “Uxolo malube nani. Njengokuba uBawo endithumile mna, nani ndiyanithuma.”

22. Akuba etshilo ke wabaphefumlela, wathi: “Yamkelani uMoya oyiNgcwele.

23. Bonke abantu enibaxolelayo izono zabo baya kuxolelwa; kanti bonke eningabaxoleliyo abayi kuxolelwa.”

24. UTomas, omnye wabafundi abalishumi elinambini, lo kuthiwa nguWele, wayengekho phakathi kwabafundi ukufika kukaYesu kubo.

25. Ke ngoko abanye abafundi bathi kuye: “Siyibonile iNkosi!”Kodwa yena wathi kubo: “Ndingekawaboni nje amanxeba ezikhonkwane ezandleni zayo, ndifake umnwe emanxebeni ayo, nesandla sam ndisifake ephangweni layo, andisoze ndikholwe.”

Uyohane 20