Uyohane 20:13-21 Ibhayibhile (XHO96)

13. Zathi ke kuye: “Ulilela ntoni?”Wathi kuzo: “Ithathiwe iNkosi yam. Andazi nokuba ibekwe phi na.”

14. Esatsho, waguquka, wabona uYesu emi; akaqonda noko ukuba nguYesu.

15. Wathi kuye uYesu: “Ulilela ntoni, wethu? Ufuna bani?”Ecinga ukuba ngumgcini-sitiya, wathi kuye: “Ndixelele, mnumzana, apho umbeke khona, ukuba umsusile, ze ndiye kumthatha.”

16. Wathi kuye uYesu: “Mariya!”Waguqukela kuye, wathi kuye ngesiHebhere: “Rabhoni,” oko kukuthi: “Mfundisi.”

17. Waza wathi uYesu: “Sukundibamba, kuba andikenyuki ndiye kuBawo. Hamba uye kuxelela abahlobo bam ukuba sendinyuka, ndisiya kuBawo okwanguYihlo, uThixo wam okwanguThixo wenu.”

18. Ke ngoko uMariya waseMagadala waya kubaxelela abafundi ukuba uyibonile iNkosi, waza wabaxelela nomyalezo wayo.

19. Ngokuhlwa ngaloo mini yeCawe abafundi babehlangene, bezivalile iingcango kuba besoyika amaJuda. Wafika uYesu, wema phakathi kwabo, wathi: “Uxolo malube nani.”

20. Etshilo wababonisa izandla zakhe nephango lakhe. Baza bafikelwa luvuyo abafundi bakuyibona iNkosi.

21. Waphinda wathi kubo uYesu: “Uxolo malube nani. Njengokuba uBawo endithumile mna, nani ndiyanithuma.”

Uyohane 20