1. Phambi komsobomvu ngeCawe uMariya waseMagadala waya engcwabeni, wafika ilitye lokuvala ingcwaba lisusiwe.
2. Wabaleka, waya kuSimon Petros nalaa mfundi wayethandwa nguYesu, wathi kubo: “Bayithathile iNkosi engcwabeni. Asazi apho bayibeke khona.”
3. Banduluka ke uPetros nomnye umfundi lowo, baya kufika engcwabeni.
4. Babebaleka kunye, kodwa omnye umfundi lo wamshiya ngamendu uPetros, wafika kuqala engcwabeni.
5. Wathoba nje, wawabona amalaphu elinen, engakhange angene.
6. Wagaleleka noPetros, wangena engcwabeni. Wawabona amalaphu ephantsi.
7. Ilaphu uYesu awayebotshwe ngalo intloko, walibona lilodwa, lisongiwe.
8. Wangena ke naloo mfundi obefike kuqala engcwabeni. Akukhangela wakholwa.
9. Kaloku babengaliqondi ilizwi *leziBhalo elithi umelwe kukuba avuke ekufeni.
10. Baza ke bagoduka abafundi.