Uyohane 2:21-25 Ibhayibhile (XHO96)

21. Yona indlu uYesu awayethetha ngayo yayingumzimba wakhe.

22. Kwathi akuvuka kwabafileyo, bakhumbula abafundi bakhe okokuba wayekuthethile oku, baza bakholwa ziziBhalo nangamazwi awawathethayo uYesu.

23. Kwathi, xa uYesu wayeseJerusalem kwitheko *lePasika, abantu abaninzi bakholwa kuye bakubona imimangaliso ayenzayo.

24. Kodwa uYesu yena ebengathembelanga kubo, kuba ebazi bonke abantu.

25. Kwakungekho mfuneko yakuba kubekho bani umxelelayo ngomntu, kuba yena ezazi iintliziyo zabantu.

Uyohane 2