21. Yona indlu uYesu awayethetha ngayo yayingumzimba wakhe.
22. Kwathi akuvuka kwabafileyo, bakhumbula abafundi bakhe okokuba wayekuthethile oku, baza bakholwa ziziBhalo nangamazwi awawathethayo uYesu.
23. Kwathi, xa uYesu wayeseJerusalem kwitheko *lePasika, abantu abaninzi bakholwa kuye bakubona imimangaliso ayenzayo.
24. Kodwa uYesu yena ebengathembelanga kubo, kuba ebazi bonke abantu.
25. Kwakungekho mfuneko yakuba kubekho bani umxelelayo ngomntu, kuba yena ezazi iintliziyo zabantu.