14. *Endlwini kaThixo wafika kukho abathengisi beenkomo, neegusha, namahobe; kukho nabatshintshi-mali behleli ezitafileni zabo.
15. Wenza isabhokhwe ngentambo, wabakhupha bonke endlwini kaThixo, ezikhupha nezo gusha nezo nkomo. Wayichitha imali yabatshintshi, wabhukuqa nezo tafile zabo.
16. Waza wathi kwabathengisa amahobe: “Zikhupheni apha ezi zinto. Indlu kaBawo sanukuyenza indawo yokuthengisela.”
17. Bakhumbula ke abafundi bakhe okokuba *iziBhalo zithi: “Ukuzondelela indlu yakho, Thixo, kundongamele.”
18. Zambuza ke iinkokheli zamaJuda zisithi: “Ùngenza mqondiso mni na wokusibonisa ukuba unalo igunya lokwenza ezi zinto?”
19. Waphendula uYesu wathi: “Yidilizeni le ndlu. Mna ndoyakha kwakhona ngeentsuku ezintathu.”
20. Aza athi amaJuda: “Ukwakhiwa kwale ndlu kwaba yiminyaka emashumi mane anesithandathu. Ngaba wena ungayivusa na ngeentsuku ezintathu?”
21. Yona indlu uYesu awayethetha ngayo yayingumzimba wakhe.
22. Kwathi akuvuka kwabafileyo, bakhumbula abafundi bakhe okokuba wayekuthethile oku, baza bakholwa ziziBhalo nangamazwi awawathethayo uYesu.
23. Kwathi, xa uYesu wayeseJerusalem kwitheko *lePasika, abantu abaninzi bakholwa kuye bakubona imimangaliso ayenzayo.